Exodus 8:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye besenje njalo ke: ngokuba u‐Arone wolula isandla sake ngentonga yake, wabeta utuli lwomhlaba, olwaba zintwala ebantwini nasezinkomeni: lwonke utuli lwomhlaba lwaba zintwala kulo lonke ilizwe le‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benjenjalo. Wasolula uAron isandla sakhe eso sinentonga yakhe, walubetha uthuli lwelizwe, lwaba ziingcongconi ebantwini nasezinkomeni. Lonke uthuli lwelizwe lwaba ziingcongconi ezweni lonke laseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Benjenjalo; ngenxa yokuba uAron wasolula isandla sakhe esasibambe intonga yakhe waza walubetha uthuli lomhlaba, lwaba ziingcongconi ebantwini nasezilwanyaneni; Lonke uthuli lwelizwe lwaba luthuli ezweni lonke laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAron ke waphakamisa induku yakhe, wabetha ngayo emhlabeni, kwaza kwavela iimbuzane, zabahlasela abantu kunye nezilwanyana. Kulo lonke elaseJiputa kwaphithizela iimbuzane.