Exodus 8:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula uyehova wati ku‐Mosesi: Vuka kusasa ngomso, uye uzimise ebusweni buka‐Faro; bona ke, wopuma ukuya emanzini; uti kuye: Utsho uyehova ukuti: Bandulule abantu bam, ukuze bandikonze.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa ngomso, ume phambi koFaro, nanko ephuma esiya emanzini; uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa, ume ngakuFaro; nanko ephuma esiya emanzini; Wathi yena kuye, uYehova uthe, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphinda *uNdikhoyo wathi kuMosis: “Vuka kusasa ngomso, uhlangabeze ukumkani xa aya emlanjeni, uthethe naye uthi: ‘UNdikhoyo uthi: “Khulula abantu bam, baye kundikhonza;