Exodus 8:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko wati u‐Mosesi: Akufanelekile ukuba senje njalo; ngokuba siya kubingela uyehova, utixo wetu, okuyintshontsho kuma‐Jipete; bona ke, kesiya kubinga okuyintshontsho kuma‐Jipete pambi kwamehlo awo, aze angasigibiseli ngamatye na?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses, Akulungisile ukwenjenjalo; kuba soba sibingelela amasikizi amaYiputa kuYehova uThixo wethu. Ukuba sithe sabingelela into engamasikizi kumaYiputa phambi kwawo, osixuluba ngamatye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses, Akulungile ukwenjenjalo; kuba siya kuwenza amasikizi amaYiputa kuYehova uThixo wethu; Yabona, ndiya kuwabulala amasikizi amaYiputa phambi kwawo, angasixulubi ngamatye?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis waphendula wathi: “Ayinakulunga loo nto. Kaloku isilwanyana esiza kwenza ngaso idini likaNdikhoyo uThixo wethu, silisikizi kumaJiputa. Ngoko ke singathi, siyenzile loo nto phambi kwamaJiputa, asixulube ngamatye, sife.