Exodus 8:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Mosesi: Bona ke, ndipuma kuwe, ndandiya kutandaza kuyehova, ukuba izibau zimke ku‐Faro, na sezicakeni zake, nasebantwini bake, ngomso; kodwa makangapindi u‐Faro ukwenza ngenkohliso, ngokungandululi abantu baye kubingela uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses, Yabona, ndiya kuphuma kuwe, ndithandaze kuYehova, zimke izibawu kuFaro, nakubakhonzi bakhe, nakubantu bakhe ngomso, kodwa makangaphindi uFaro akhohlise ngokungabandululi abantu, baye kubingelela kuYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses, Yabona, ndiyamka kuni, ndithandaze kuYehova, amke ngomso amaqhenqa kuFaro, nakubakhonzi bakhe, nakubantu bakhe; yaye uFaro makangabi saba sisiphithiphithi aze abandulule abantu baye kubingelela kuYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis wathi: “Ndakuba ndimkile ke ndiya kumbongoza uNdikhoyo. Wona ke amabubu eempukane aya kumka aphele ngomso, angabi sakuhlupha wena namaphakathi akho, ngokunjalo nabantu bakho. Kambe ke, wena kumkani, ungaphindi usiqhathe ubalele abantu ukuya kubingelela kuNdikhoyo.”