Exodus 8:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ude umlambo uvelise amasele kakulu; aeya kunyuka angene endlwini yako, nasenkambilini yako yokulala, napezu kwawo umandlalo wako, nasendlwini yezicaka zako, napezu kwabantu bako, nasemaziko ako, nasemikombeni yokubuca yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
umlambo unyakazele amasele, anyuke, angene endlwini yakho, nasesililini sakho, naphezu kwesingqengqelo sakho, nasendlwini yabakhonzi bakho, nasebantwini bakho, nasezimbizeni zakho, nasemikhumbini yakho yentlama;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umlambo wovelisa amasele amaninzi, anyuke anyuke endlwini yakho, nasegumbini lakho lokulala, nasesililini sakho, nasendlwini yabakhonzi bakho, nasebantwini bakho, naseziontini zakho, nasezityeni zakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umlambo iNayile uya kuphuphuma ngamasele; oda aye kufika nakwakho. Aya kutaka-taka endlwini yakho yokulala, emandlalweni, ezindlwini zamaphakathi, nasezindlwini zabo bonke abantu bakho. Amasele aya kugxalathelana kumaziko okubhaka, nakwizitya zokuxovela;