Exodus 8:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Mosesi ku‐Faro: Ziqa̔yise pezu kwam! Kwoba ninina endiya kutandazela wena, nezicaka zako, nabantu bako, ukuba kutshatyalaliswe lamasele kuwe, nakuzo izindlu zako, asale emlanjeni wodwa?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses kuFaro, Zizukise ngokundimisela ixesha lokuba ndikuthandazele nini na, wena nabakhonzi bakho, nabantu bakho, anqunyulwe amasele kuwe nakwindlu yakho, asale emlanjeni wodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuFaro, Ndiqhayise ngam; Ndiya kukucela nini na wena, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, ukuba uwatshabalalise amasele kuwe nasezindlwini zakho, asale kuMlambo umNayile kuphela?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis waphendula wathi: “Loo nto ndingayenza ngovuyo, nto nje wena misa ixesha ofuna ndikuthandazele ngalo wena namaphakathi akho nabo bonke abantu bakho, ukuze nahlukane namasele, asale emlanjeni iNayile kuphela.”