Exodus 9:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WAZA wati uyehova ku‐Mosesi: Yiya ku‐Faro, utete naye, usiti: Utsho uyehova, utixo wama‐Hebere, ukuti: Bandulule abantu bam, ukuze bandikonze.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro, uthethe naye, uthi, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro, uthethe naye, uthi, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bashiye abantu bam, bandikhonze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Yiya kukumkani waseJiputa, uthi kuye: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthethe wenjenje: “Khulula abantu bam, baye kundikhonza.”