Exodus 9:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza balutabata ututu lwesidlangalala, bema pambi kwo‐Faro; waye u‐Mosesi walusasaza ngasezulwini; lwaza lwaba ngamatumba ejaduka ngamatyakuva, pezu kwabantu, napezu kwezilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baluthabatha ke uthuthu lweziko, bema phambi koFaro; uMoses waluphosa phezulu esibhakabhakeni, lwaba ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini nasezinkomeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baluthabatha ke uthuthu lweziko, bema phambi koFaro; uMoses wayitshiza esibhakabhakeni; yaye yaba sisibetho esadumba ngamathumba ebantwini nasezilwanyaneni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baluthatha ke uthuthu eziko, baya kwakumkani, waza uMosis waluphosa phezulu ekho nokumkani. Lwaphephetheka ke, lwaza lwadala amathumba asuka abhidla aba zizilonda ebantwini nasezilwanyaneni.