Exodus 9:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya wati uyehova ku‐Mosesi: Vuka kusasa ngomso, uye uzimise ebusweni buka‐Faro, uti kuye: Utsho uyehova, utixo wama‐Hebere, ukuti: Bandulule abantu bam, ukuze bandikonze.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa, ume phambi koFaro, uthi kuye, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa, uye kuma phambi koFaro, uthi kuye, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bashiye abantu bam, bandikhonze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo waphinda wathetha noMosis wathi: “Vuka kusasa ngomso, uye kukumkani, umxelele ukuba uNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthi: ‘Khulula abantu bam, baye kundikhonza.