Exodus 9:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, malunga nelixesha langomso ndiya kunisa izicoto ezinzima kakulu, ekungazanga kubeko ezinjalo e‐Jipete, kwa semhleni wokusekwa kwayo kwada kwakaloku nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, eli xa ngomso ndiya kunisa isichotho esinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso eYiputa, kususela kwimini eyasekwayo kude kube ngoku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, eli xesha ngomso ndiya kunisa isichotho esikhulu kunene, ekungazanga kubekho singaso eYiputa, kususela ekusekweni kwayo kude kube ngoku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uyabona ke, ngomso ngeli xesha ndiya kuthumela isitshu sesichoto esingazanga sabonwa nanini na ezimbalini zeJiputa.