Exodus 9:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku tuma ke, ugoduse inkomo zako, nako konke onako ezindle; bonke abantu nezilo eziya kufunyanwa ezindle zingabutelwanga endlwini, zakuhla pezu kwazo izicoto, ziya kufa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thumela ngoku, ukhawuleze, uhlanganise imfuyo yakho, neento zakho zonke onazo ezindle; bonke abantu neenkomo ezifunyenwe endle zingahlanganiselwanga ekhaya, zohlelwa sisichotho, zife.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thumela ngoku, uthabathe imfuyo yakho, neento zonke onazo ezweni; Kuba phezu kwabantu bonke, nakwizinto zonke eziphilileyo ezifunyenweyo ezweni, ezingabuyiselwa ekhaya, kuya kuwa isichotho phezu kwazo, zife.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke thumela iye kuqokelelwa yonke imfuyo yakho, ivalelwe, khon' ukuze isinde. Kaloku ukufika kwaso yonke into ephandle, umntu kwanesilwanyana, iya kutshabalala.’ ”