Exodus 9:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Yolula isandla sako ngasezulwini, kuze kubeko izicoto kulo lonke ilizwe le‐Jipete, pezu kwabantu, napezu kwezilo, napezu kwayo yonke imifuno yasendle, kulo lonke ilizwe le‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho isichotho ezweni lonke laseYiputa phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemifuno yonke yasendle, ezweni lonke laseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho isichotho ezweni lonke laseYiputa phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemifuno yonke yelizwe ezweni lonke laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wathi kuMosis: “Phakamisela isandla sakho esibhakabhakeni, ukuze kuwe isichotho kulo lonke elaseJiputa, sibethe abantu, izilwanyana, nako konke okuntshula emhlabeni.”