Exodus 9:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Mosesi wati kuye: Nxa ndipumileyo esixekweni, ndiya kutwabulula izandla zam ngakuyehova: indudumo ziya kupeza, nezicoto aziyi kuba sabiko; ukuze ukwazi okokuba umhlaba ungo kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoses wathi kuye, Ekuphumeni kwam phakathi komzi, ndozolulela kuYehova izandla zam, ziyeke iindudumo, nesichotho singabi sabakho, ukuze wazi ukuba umhlaba lo ngokaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses kuye, Ekuphumeni kwam phakathi komzi, ndozolulela kuYehova izandla zam; ziphele iindudumo, nesichotho singabi sabakho; ukuze nazi ukuba ihlabathi lelikaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphendula uMosis wathi: “Nje ukuba ndiphume apha esixekweni, ndiya kuzolulela kuNdikhoyo izandla zam, sitsho sithothe isiphango, sinqamke isichotho, khon' ukuze uqonde ukuba lelikaNdikhoyo ihlabathi liphela.