Exodus 9:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova wayenza lento kwakusa, zati zonke inkomo zama‐Jipete zafa; kanti kwinkomo zosapo luka‐Sirayeli akufanga nanye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayenza ke uYehova le nto ngengomso. Yafa yonke imfuyo yamaYiputa; ke kweyoonyana bakaSirayeli imfuyo akufanga nanye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayenza ke uYehova le nto ngomso, yafa yonke imfuyo yaseYiputa; akwafa nanye emfuyoni yoonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngengomso ke uNdikhoyo wenza njengoko wayethethile. Yonke imfuyo yamaJiputa yafa, kodwa kweyamaSirayeli zange kufe nob' ibe nye.