Exodus 9:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watuma u‐Faro, kekaloku bona ke, akufanga kuzo inkomo zama‐Sirayeli kwa nanye. Wenza nzima u‐Faro intliziyo yake noko; akandulula abantu kanjako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UFaro wasusa umntu. O, kweyamaSirayeli imfuyo akufanga nokuba ibe nye. Yaqaqadeka intliziyo kaFaro, akabandulula abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathumela uFaro, yaye abona ukuba akufanga nanye emhlambini wakwaSirayeli. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akavuma ukubandulula abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wathuma amadoda aye kukhangela ukuba kube njani na kwimfuyo yamaSirayeli, waza waxelelwa ukuba akufanga nale inye. Naxa kunjalo wankaniza, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli.