Ezekiel 1:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukubonakala kwevili nesetyenzwa lazo, bekunjengobubengebenge belitye letareshishe; kwakuko ukufana kunye kuzo zone; nokubonakala kwazo, nesetyenzwa lazo, bekunjengokungati kuko ivili pakati kwevili.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengembonakalo yekrizolite, zimfani-nye zone; ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kungathi ivili ingaphakathi kwevili.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengokubonakala kweevili nokubukeka kwazo zone, zibe zifana ngokufanayo, ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kwakunjengevili phakathi kwevili.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yayinje imbonakalo yokwakheka kwamavili: Ayefana ncam, onke eqaqambe okwekrisolite. Ivili ngalinye laba ngathi linqumleze elinye ivili.