Ezekiel 1:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Apo abeza kuya kona umoya, zaya zona, kwa lapo abeza kuya kona umoya; zaye ivili zifunqulwa kunye nazo; ngokuba umoya wezidalwa ezipilileyo ubukuzo ivili.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Apho sukuba usiya khona umoya, zaya apho sukuba umoya ubusiya khona; zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Apho sukuba ubusiya khona umoya, zaya apho sukuba umoya ubusiya khona; zasuka iivili, ngokokuba umoya wento ephilileyo ubukho ezivilini ezo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izidalwa bezisiya apho zikhokelelwa khona nguMoya, ngokunjalo namavili, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo ezo yayikwangulo uqhuba amavili.