Ezekiel 1:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zakuhamba ezo, zahamba zona; zakuma ezo, zema zona; naxeshekweni ezo bezifunqulwa emhlabeni, ivili zafunqulwa kunye nazo; ngokuba umoya wezidalwa ezipilileyo ubukuzo ivili.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zakuhamba, zahamba nazo; zakuma, zema nazo; zakusuka emhlabeni, zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bakuba bemkile, naye wemka; zema, zema; zakusuka emhlabeni, zasuka iivili kunye nazo, ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bezisithi izidalwa zakusuka, nawo amavili asuke; zithi zakuma bhuxe, nawo eme bhuxe; zithi zakuphakama emhlabeni izidalwa, nawo amavili aphakame emhlabeni, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo ezo yayikwangulo uqhuba amavili.