Ezekiel 1:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndabona njengobubengebenge bekashemali, njengokubonakala kwomlilo pakati kwako ngokungqonga; kwa kuko ukubonakala kwesinqe sake napezulu, nakuko ukubonakala kwesinqe sake nasezantsi, ndabona njengokungati kukubonakala kwomlilo, obunenkazimlo ngokungqonga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndabona ke, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo, ngathi yimbonakalo yomlilo, ngaphakathi kwayo nangeenxa zonke kuyo, kwathabathela embonakalweni yesinqe kwenyusa; kwathabathela embonakalweni yesinqe kwehlisa, ndabona ke ngathi yimbonakalo yomlilo, kumhlophe ke ngeenxa zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndabona ke, ngathi yimbonakalo yobhedu, ngathi yimbonakalo yomlilo kuyo, kuthabathela embonakalweni yesinqe kwenyusa; ukukhanya macala onke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndaphawula ukuba ukusuka esinqeni kunyuke yayibonakala ngathi sisinyithi esitshe sada sabomvu, kanti ukuhla yayibonakala ingumlilo, iyonke irhangqwe kukukhanya okuqaqambileyo.