Ezekiel 1:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Njengokubonakala kwomnyama oselifini ngomhla wemvula, bekunjalo ukubonakala kwenkazimlo engqongayo. Kuko oku ukubonakala kwako ukufana kwobungcwalisa bukayehova. Ndati ndakubona, ndawa ngobuso bam; ndaza ndeva ilizwi lobeteta.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngathi yimbonakalo yomnyama obakhoyo efini mini ngemvula, yabe injalo imbonakalo yobumhlophe ngeenxa zonke. Leyo yimbonakalo yomfanekiselo wobuqaqawuli bukaYehova. Ndabona ke, ndawa ngobuso, ndaliva izwi lothethayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngathi yimbonakalo yomnyama obakhoyo efini mini ngemvula, kwabonakala ukukhanya, njengako yonke indawo. Le yimbonakalo yembonakalo yobuqaqawuli bukaYehova. Ndithe ndakuyibona le nto, ndawa ngobuso, ndaliva ilizwi lomntu othethayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oku kukhanya nqwa nomnyama emafini mhla kunayo. Nguwo lowo ke umbono wobuqaqawuli nobungangamsha bukaNdikhoyo. Ndithe tywaa phantsi ngesisu ndakuwubona lo mbono, ndaza ndeva ilizwi lothethayo,