Ezekiel 10:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zati zakuhamba zaya ngamacala azo omane; bezingajiki ekuhambeni kwazo; koko indawo yabeka intloko ngakuyo, zayilandela; bezingajiki ekuhambeni kwazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekuhambeni kwazo zahamba zaya kumacala azo omane;azajikeleza ekuhambeni kwazo; ngokuba apho sukuba leyo iphambili ibe ibheka khona, zibe ziyilandela, zingajikelezi ekuhambeni kwazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekuhambeni kwakhe wahamba kumacala azo omane; aziphambuka, zahamba apho abekhangele khona ukumkani; azijika ekuhambeni kwazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa zihamba zisiya nakuliphi na icala kumacala omane ezijonge kuwo izithunywa ezimaphiko amavili ayengajikelezi, izithunywa ezimaphiko zisiya nakweliphi na icala ejonge kulo intloko zingajika-jiki.