Ezekiel 10:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zati zakuhamba ikerubime, zahamba ivili ecaleni lazo; naxeshekweni ikerubime zapakamisa amapiko azo zinyuke pezulu kuwo umhlaba, azajika ivili nazo kwa secaleni lazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekuhambeni kweekerubhi zahamba iivili ecaleni lazo;nasekuwaphakamiseni kweekerubhi amaphiko azo, ukuba zisuke emhlabeni, azijikanga neevili zazo zimke ecaleni lazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, ekuhambeni kweekerubhi, zahamba iivili ecaleni lazo; kwanaxa iikherubhi zawaphakamisa amaphiko azo ukuba zinyuke ziye emhlabeni, namavili ayengaphumi nakuzo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bezisithi zakusuka izithunywa, namavili ahambe; zithi zakuwatwabulula amaphiko azo izithunywa, zilungiselela ukuphakama emhlabeni, amavili ebengasuki ecaleni lazo.