Ezekiel 10:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula benyuka pezulu ubungcwalisa bukayehova kuyo ikerubime, baya pezu kwomnyango wendlu; yaza indlu yazaliswa ngelifu, lati ibala lazala yinkazimlo yobungcwalisa bukayehova,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka ezikerubhini, baya emnyango wendlu. Yazala indlu lilifu, nentendelezo yazala bubumhlophe bobuqaqawuli bukaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka ezikerubhini, bema emnyango wendlu yazala lilifu indlu, nentsimi yazala bubuqaqawuli bobuqaqawuli bukaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baza ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bafunquka phezu kwesithunywa esimaphiko, baya kuthi zinzi emnyangweni wendlu kaThixo. Yazala mome indlu kaThixo lilifu, yona inkundla yazala bubukhazikhazi bobuqaqawuli bukaNdikhoyo.