Ezekiel 10:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, akuba eyalele indoda ebivete izivato zeqiya, esiti: Tabata umlilo pakati kwengqengqeleko, pakati kwekerubime; yandula yangena, yema ngasecaleni levili.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akuyiwisela umthetho indoda eyambethe ilinen emhlophe, esithi, Thabatha umlilo phakathi kweevili ezijikelezayo, phakathi kweekerubhi, yasuka yangena yema ecaleni kweevili.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, wayiwisela umthetho indoda, ebethe isigqubuthelo, wathi, Faka umlilo phakathi kweenyawo, phakathi kweekerubhi; Wangena ke wema ecaleni kwamavili.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wayalela umfo onezambatho zelinen wathi: “Thatha umlilo apho phakathi kwamavili emi ngakwizithunywa ezimaphiko.” Waza umfo lowo ke wema ngasevilini.