Ezekiel 11:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza umoya wandifunqula, wandizisa esangweni lasempumalanga lendlu kayehova, elibeka ngasekupumeni kwelanga: kekaloku nanga eselucangweni lwesango amadoda angamashumi mabini anamahlanu; endabona pakati kwawo u‐Yazaniya unyana ka‐Hazure, no‐Pelatiya unyana ka‐Benaya, inkosi zabantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wandifunqula uMoya, wandisa esangweni lendlu kaYehova langasempumalanga, elibheke empumalanga; nanko, ekungeneni kwesango, kukho amadoda engamashumi amabini anamahlanu. Ndabona phakathi kwawo uYazaniya unyana ka-Azure, noPelatiya unyana kaBhenaya, abathetheli babantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandithabatha uMoya, wandisa emnyango wendlu kaYehova, osempumalanga, okhangele empumalanga; phakathi kwabo ndabona uYashaniya unyana ka-Ashure, noPelatiya unyana kaBhenaya, iintloko zabantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wasuka uMoya wandifunqula wandibeka esangweni lendlu *kaNdikhoyo elijonge empumalanga. Apho ekungeneni kwesango kwakukho amadoda angamashumi amabini anesihlanu, phakathi kwawo ndabona uYazaniya unyana ka-Azure, noPelatiya unyana kaBhenaya, iinkokheli zabantu.