Ezekiel 11:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, eningahambanga ngemimiso yam, nezigwebo zam ningazenzanga, koko nenzile ngezigwebo zabaheyideni abaningqongayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nazi ukuba ndinguYehova; imimiselo yam anihambanga ngayo, namasiko am anawenza; nesuka nenza ngokwamasiko eentlanga ezingeenxa zonke kuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Niya kwazi ke ukuba ndinguYehova, ngenxa yokuba anihambanga ngokwemiyalelo yam emisiweyo naza nenza ngokwesiko leentlanga ezinijikelezileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niya kuqonda ke ngoko ukuba mna ndinguNdikhoyo. Kaloku niyityeshele imimiselo yam, naphambuka kwimithetho yam, naza nazibeka mgangathweni mnye nezizwe eziningqongileyo.”