Ezekiel 11:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati, nxa ndibe ndiprofitesha, wabuba u‐Pelatiya unyana ka‐Benaya. Ndaza ndawa ngobuso bam, ndakala ngelizwi elikulu, ndati: Au, Nkosi Yehova! uya kukwenza na ukugqityelwa kwesisalela so‐Sirayeli?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ke ndakuprofeta, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya.Ndawa ngobuso bam, ndakhala ngelizwi elikhulu, ndathi, Awu!Nkosi Yehova! Uyawagqibela kuphele na wena amasalela akwaSirayeli?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndathi ndakuprofeta, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya. Ndawa ngobuso, ndadanduluka ngelizwi elikhulu, ndathi: “Owu, Nkosi Yehova! Uya kuwatshabalalisa na ke amasalela akwaSirayeli?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndathi ndisashumayela njalo, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya. Ndawa ngobuso, ndakhala ndadanduluka ndathi: “Awu, Nkosi Ndikhoyo! Ngaba uza kuyitshabalalisa tu nentsalela kaSirayeli?”