Ezekiel 11:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nyana woluntu! abazalwana bako, abazalwana bako, amadoda okwalamana kwako, nayo yonke indlu ka‐Sirayeli ipela, ngabo abemi base‐Yerusaleme bate kubo: Yibani kude kuyehova; linikiwe kuti elilizwe libe lilifa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nyana womntu, abazalwana bakho, abazalwana bakho ngamadoda akowenu, nendlu yonke yakwaSirayeli yonke iphela, yona leyo bathi ngayo abemi baseYerusalem, Bakude kuYehova; linikwe thina ilizwe ukuze sime kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nyana womntu, abazalwana bakho, noonyana bakho, abendlu yakho, nakwindlu yonke kaSirayeli, bona abo bathi kubo abemi baseYerusalem, Mkani uYehova, niye ezweni lethu anikwe ukuba sisityebi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mntundini, abantakwenu – abantakwenu abaligazi lakho, nditsho bonke abendlu kaSirayeli abathinjiweyo – ngabo kanye ekuthethwa ngabo ngabemi baseJerusalem kusithiwa: ‘Nina nimele kude *kuNdikhoyo; lo mhlaba uwunikezele kuthi ukuba ube ngowethu.’ ”