Ezekiel 11:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza umoya kayehova wawa pezu kwam, wati kum: Yiti: Utsho uyehova ukuti: Kungokunjalo nitshilo, ndlu ka‐Sirayeli! ngokuba izinto ezivukileyo emoyeni wenu ndizazi mna zonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wandiwela ke uMoya kaYehova, wathi kum, Yithi, Utsho uYehova ukuthi, Nitshilo nina, ndlu kaSirayeli; nezinto ezithe qatha emoyeni wenu ndiyazazi mna.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wehla phezu kwam uMoya kaYehova, wathi kum, Thetha; Wathi uYehova; Nithi, ndlu kaSirayeli, ndiyayazi yonke into ethe qatha entliziyweni yenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wandongamela uMoya kaNdikhoyo, wathi: “Danduluka uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: Nakuba nina ndlu kaSirayeli nithetha oku, kodwa ndiyazazi iingcinga zenu.