Ezekiel 11:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ababuleweyo benu, enibabekileyo pakati kwaso, bona bayinyama, naso sona siyimbiza; kodwa nina ndonipumisa pakati kwaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ababuleweyo benu, ebe nibabeka phantsi phakathi kwawo umzi, bayinyama, wona ke uyimbiza; nina niya kukhutshwa phakathi kwawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nina nibasiweyo, nibabeke khona bayinyama, lo mzi uyimbiza; ndiya kunikhupha kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Izidumbu zabantu ababulewe nini ziyinyama, isixeko sona siyimbiza, kodwa nina ndiza kunigxotha kwesi sixeko.