Ezekiel 12:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko ndiya kusalisa kubo intwana encinane yabantu eṙeleni, nas endlaleni, nasesifeni esibubisayo; ukuze bashumayele zonke izinto zabo ezibuntshontsho pakati kwabaheyideni apo bafika kona; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndoshiya kubo amadoda ambalwa, asinde ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa; ukuze bawabalise amasikizi abo onke ezintlangeni abaye kuzo; bazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndoshiya amadoda ambalwa, asinde ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa; ukuze bawaxele onke amasikizi abo ezintlangeni abaya kufika kuzo; zazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ndiya kusindisa intsalela yabo ekutshatyalalisweni likrele, nendlala, nobhubhani, khon' ukuze izixele izenzo zabo ezimanyumnyezi kwezo ntlanga iya kuhamba phakathi kwazo. Xa kunjalo baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”