Ezekiel 12:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uze uti kubo abantu belizwe: Itsho inkosi e nguyehova ngabo abemi base‐Yerusaleme, na ngalo ilizwe lakwa‐Sirayeli, ukuti: Isonka sabo baya kusitya ngesitukutezi, namanzi abo bowasela ngokuti nqa, ukuze ilizwe layo lihlutwe ukuzala kwalo, ngenxa yobudlwengu babo bonke abahleli kulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wothi ke kubantu belizwe, Itsho iNkosi uYehova ngokusingisele kubemi baseYerusalem, emhlabeni wakwaSirayeli, ukuthi, Isonka sabo bosidla benesithukuthezi, bawasele amanzi abo bemangalisiwe; ukuze ezweni labo kube senkangala, ingabikho inzaliseko yalo ngenxa yogonyamelo lwabo bonke abahleli kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha kwizizwe zehlabathi, wathi, Itsho iNkosi uYehova ngokusingisele kubemi baseYerusalem, nomhlaba wakwaSirayeli; Isonka sabo bosidla bexhalabile, bawasele amanzi abo bemangalisiwe, nelizwe lakhe libe senkangala, kuko konke okukulo, ngenxa yogonyamelo lwabo bonke abemi balo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yithi kubantu beli lizwe: ‘Ngokuphathelele kubantu abahlala eJerusalem nakwilizwe lamaSirayeli itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ukutya kwabo baya kukutya bexhalabile, amanzi bawasele bephelelwe lithemba, kuba ilizwe labo liza kushiywa lize ngenxa yezenzo zobutshijolo zabantu balo.