Ezekiel 12:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nyana woluntu! uyahlala pakati kwayo indlu enenkani; abanamehlo okubona, kanti ababoni; abanendlebe zokuva, kanti abeva; ngokuba beyindlu enenkani bona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nyana womntu, uhleli phakathi kwendlu eneenkani; banamehlo okubona, ababoni; baneendlebe zokuva, abeva; ngokuba bayindlu eneenkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nyana womntu, uhlala endlwini ezele luvukelo enamehlo okubona kodwa angaboni; baneendlebe zokuva, abeva; ngokuba bayindlu eneenkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mntundini, uhleli nabantu abangabavukeli. Banamehlo, kodwa ababoni; baneendlebe, kodwa abaphulaphuli; kuba kaloku bangabavukeli.