Ezekiel 12:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Izixeko ezimiwayo ziya kwenzwa amanxuwa, nelizwe loba bugxwayiba; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yoba ngamanxuwa imizi emiweyo, kube senkangala elizweni;nazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izixeko ezinabemi ziya kuphanziswa, nelizwe libe yintlango; nazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izixeko ezinabantu ziya kuba ngamabhodlo, lize ilizwe libe sebugxwayibeni. Noqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.’ ”