Ezekiel 12:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko yiti kubo: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndiya kupelisa lomzekeliso, bade bangabuyi bazekelise ngawo kwa‐Sirayeli. Kodwa teta kubo, uti: Imihla ikufupi, nendawo yayo yonke imiboniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuwenza uphele lo mzekeliso, bangabi sazekelisa ngawo kwaSirayeli; ke, yithi kubo, Isondele imihla, nesiphelo semibono yonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke uthi kubo, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova; Ndiya kuyiphelisa le mizekeliso, ingabi sathetha ngayo kwaSirayeli; wathi kubo, Isondele imihla, nesiphelo sombono wonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yithi ke kubo: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuliphelisa eli qhalo, ukuze lingabuye livakale kwaSirayeli.’ Yithi kubo: ‘Sezisondele iintsuku zokuba yonke imibono izalisekiswe.