Ezekiel 12:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wauya kuku̔pa impahla zako njengempahla zokufuduka ngemini pambi kwamehlo abo; nawe uya kupuma ngokuhlwa pambi kwamehlo abo njengokupuma kwabafudukayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uyikhuphe impahla yakho ngokwempahla yemfuduka emini, emehlweni abo; ke wena uphume ngokuhlwa emehlweni abo, njengokuphuma kwabathinjwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Likhupheni ngoko impahla yenu phambi kwamehlo abo emini, njengento enokuthatyathwa; yaye baphume ngokuhlwa phambi kwamehlo abo njengabaphuma ekuthinjweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emini njalo, bejongile, uze uwubeke phandle umthwalo wakho sewulungele imfuduko, uphume kwakuhlwa, bekukhangele njalo, ungene endleleni yemfuduko.