Ezekiel 12:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pambi kwamehlo abo zityate egxalabeni, upume nazo kwakuti ṙatya; ubuso bako wobugubungela, ukuba ungaboni umhlaba: ngokuba ndikwenzile umqondiso kuyo indlu ka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yithwale ngamagxa emehlweni abo, yikhuphe kwakuba mnyama;bugqubuthele ubuso bakho, ungalikhangeli ilizwe; ngokuba ndikwenze isimanga kwindlu kaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yithwale emagxeni akho phambi kwamehlo akho, uyikhuphe ngokuhlwa; bugqume ubuso bakho, ukuze ungaliboni ihlabathi; ngokuba ndikwenze umqondiso kwindlu kaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze uyityathe bekujongile ngorhatya, ungene endleleni. Uze ubugqume ubuso bakho, ukuze ungaliboni ilizwe, kuba ndikwenze umqondiso kwindlu kaSirayeli.”