Ezekiel 12:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndenje njalo ke, njengokuba bendiyalelwe: impahla zam ndaziku̔pa njengempahla zokufuduka ngemini, nangokuhlwa ndazimbela eludongeni ngesandla sam; nxa kute ṙatya ndapuma nazo; pezu kwegxalaba ndazityata pambi kwamehlo abo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndenjenjalo, njengoko ndawiselwa umthetho ngako;ndayikhupha emini impahla yam ngokwempahla yemfuduka; ngokuhlwa ndazigqobhozela eludongeni ngesandla, ndayikhupha kwakuba mnyama, ndayithwala ngamagxa eme hlweni abo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndenza njengoko ndiwiselwe umthetho ngako: Ndazikhupha izinto zam emini, njengempahla yokuthinjwa, ngokuhlwa ndalugqobhoza udonga ngesandla; Ndayikhupha ngorhatya, ndayithwala egxalabeni phambi kwamehlo abo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndenza njengoko ndiyalelwe. Ndayikhupha emini impahla yam seyingumthwalo olungiselelwe imfuduko. Ndaza ngokuhlwa ndagqobhoza eludongeni ngezandla zam. Ngorhatya ndaphuma endijongile ndithwele impahla yam emagxeni.