Ezekiel 13:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
yiti kubo abaqabayo ngekalike, ukuba luya kuwa: kuya kubako isipango esikukulayo; nani, zico̔to ezikulu! niya kuwa; nomoya woqwitela wo lu candekisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yithi kwabatyabeka ngodaka oluhlephukayo, Luya kuwa; kuza isiphango esikhukulayo; nina ke, matye esichotho, yiwani; wena moya usisaqhwithi, ovuthuvuthuzayo, qhutha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xelela abalilelayo ngodongwe olungagungqiyo, ukuba liya kuwa; nawe, sichotho esikhulu, uya kuwa; nomoya wesaqhwithi uya kuyiqweqwedisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
mabaxelelwe abo baziqabileyo ukuba ziza kudilika. Ziza kufika zona iziphango ezinezichotho ezikhulu nezivondoviya zomoya.