Ezekiel 13:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo ndiya kugqiba umsindo wam pezu kwodonga, napezu kwabo abaluqabileyo ngekalike; ndandiya kuti kuni: Udonga olo aluseko, nabo baluqabileyo abaseko;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndobuphelelisela eludongeni ubushushu bam, nakwabatyabeka ngodaka oluhlephukayo, ndithi kuni, Alusekho udonga, abasekho abatyabeki balo,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuwufikela umsindo wam eludongeni nakwabo bayakhe ngodongwe olungenakwenziwa, ndithi kuni, Udonga alusekho, nabakhi balo abasayi kuba sabakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Umsindo wam ndiya kuwukhuphela kolo donga nakwabo baliqabe ngekalika. Ndiya kuthi kuni: ‘Ludilikile udonga; batshabalele nabo bebeliqabe ngekalika –