Ezekiel 13:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uti: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Makube nzima kubafazi abatungela imiqamelo ngakuwo amakwapa onke, bazenze izigqubutelo pezu kwentloko zobude bonke, kuze kuzingelwe imipefumlo! Niya kuzingela imipefumlo yabantu bam na, neyenu imipefumlo niyilondoloze ebomini nje?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uprofete ngazo, uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke, abo bathunga izibophelelo ezihlahleni zezandla zonke, benze izigubungelo ezilingene iintloko zonke, ukuze bathiyele imiphefumlo! Nithiyele imiphefumlo yabantu bam, nasindisa eyenu imiphefumlo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Itsho iNkosi uYehova; Yeha ke abafazi abathunga iingalo zonke iingalo nabenza amalaphu eentloko zabo bonke ubukhulu ukuze bazingele imiphefumlo! Nithiyele na imiphefumlo yabantu bam, niyigcine imiphefumlo eza kuni?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uthi: ‘Naku okuthethwa nguNdikhoyo iNgangalala: Yeha kwabo bafazi bafaka iintsimbi ezinyangiweyo ezihlahleni zabo, nabathwala izigqubuthelo zeendidi ngeendidi ezintloko, besenzela ukutsala abantu. Nithi ningabambisa abantu bam nize nina nisinde?