Ezekiel 13:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nam niya kundidyoba na pakati kwabantu bam, ngamaqobana eṙalasi nangamaqezu esonka, ukuba kufiswe imipefumlo enga ingafi, nokuba kulondolozwe ebomini imipefumlo enga ingadli ubomi, ngokuxoka kwenu ebantwini bam abevayo ubuxoki?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nindihlambele kubantu bam ngenxa yerhasi esutywe ngezandla, nangenxa yamaqhekeza esonka, ukuze nibulale imiphefumlo ebingeyakufa, nisindise imiphefumlo ebingeyakusindiswa, ngamanga enu ebantwini bam abava amanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Niya kundenza inqambi na phakathi kwabantu bam ngenxa yokuzalisa isandla kwerhasi nangenxa yamaqhekeza esonka, ukuze nibulale imiphefumlo ebingafanga nokusindisa imiphefumlo eyalayo ukuphila ukuze iqhathe abantu bam ababuvayo ubuxoki benu?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nindinyelisile kubantu bam ngenxa yezityana ezimbalwa zerhasi neengqweqwe zesonka. Ngokubaxokisa abantu bam ababuphulaphulayo ubuxoki, nibulele ababefanele ukungafi, nasindisa abo babemele ukufa.’