Ezekiel 13:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko intsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuyo imiqamelo yenu, enizingela imipefumlo ngayo kona njengentaka; ndandiya kuyiṙazula ezingalweni zenu, ndiyindulule imipefumlo, leyo imipefumlo niyizingelayo njengentaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndizichasile izibophelelo zenu, enithiyela ngazo imiphefumlo njengeentaka. Ndiya kuziqhawula ezingalweni zenu, ndiyindulule imiphefumlo, kwaimiphefumlo eniyithiyeleyo njengeentaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ezigumeni zenu nizithiyileyo imiphefumlo yabantu, nibasabisa ngazo; Ndiya kuwukrazula ezandleni zenu, ndiya kuyishiya imimoya, kunye nemimoya ukuba ukuzingela ukuzingela. Bhabha uye kude.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ithi ke iNkosi uNdikhoyo: Ndichasene nezo zihombo zenu zinyangiweyo enibambisa ngazo abantu ngathi ziintaka, ndaye ndiza kuziqhawula ezingalweni zenu; ndiza kubakhulula abo bantu nibabambise okweentaka.