Ezekiel 13:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako oko anisayi kubona okungendawo, nokulaula aniyi kubuya nikwenze; ngokuba ndiya kuhlangula abantu bam esandleni senu; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngako oko aniyi kuyibona into ekhohlakeleyo ningabi savumisa nokuvumisa; ngokuba ndiya kubahlangula abantu bam esandleni senu; nazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko aniyi kuphinda nibone into ekhohlakeleyo nokuvumisa; kuba ndiya kubasindisa abantu bam esandleni senu, nazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
anisobe niphinde nibone imibono ephuthileyo, okanye nihlabe umhlola. Ndiya kubakhulula abantu bam kwiimpembelelo zenu. Xa kunjalo niya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”