Ezekiel 13:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Saye isandla sam siya kuba pezu kwabaprofite ababonayo okungendawo, nabalaulayo ubuxoki; esihlelweni sabantu bam abayi kubako, nasesiba̔lelweni sendlu ka‐Sirayeli abayi kuba̔lwa; naselizweni lakwa‐Sirayeli abayi kungena; naniya kukwazi okokuba mna ndi yinkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isandla sam sichasa abaprofeti ababona into ekhohlakeleyo, bavumise amanga. Abayi kubakho ekucweyweni kwabantu bam, bangabhalwa encwadini yomlibo wendlu kaSirayeli, bangangeni emhlabeni wakwaSirayeli; nazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye isandla sam siya kuba phezu kwabaprofeti ababona amampunge nabanobuxoki; Sirayeli; nazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Isandla sam siya kuba gadalala kwabo bashumayeli babona imibono ephuthileyo, behlaba izihlabo ezibubuxoki. Abayi kuba ngamaphakathi equmrhu labantu, namagama abo akayi kubhalwa kwimiqulu yendlu kaSirayeli, bengayi kuvunyelwa ukuba banyathele kumhlaba kaSirayeli. Niya kuqonda ke ngoko ukuba mna ndiyiNkosi uNdikhoyo.