Ezekiel 14:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Netyala labo baya kulitwala; njengetyala lobuzayo loba njalo ityala lomprofite;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kubuthwala ubugwenxa babo; njengoko bunjalo ubugwenxa boquqela kuye, buya kuba njalo ubugwenxa bomprofeti lowo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye baya kuluthwala ubugwenxa babo; sibe njengokohlwaywa komprofeti lowo umquqelayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Baya kusithwala isono sabo – isono somshumayeli siya kulingana nesalowo ebeze kubuzisa.