Ezekiel 14:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuze indlu ka‐Sirayeli ingabuyi ilahleke kum, nokuze ingabuyi inco̔liswe ngazo zonke izigqito zabo; baze babe ngabantu kum, nam ndibe ngutixo kubo, itsho inkosi e nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze indlu kaSirayeli ingabi sandwendwa imke ekundilandeleni kwayo; bangabi sazenza iinqambi ngezikreqo zabo zonke; babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze indlu kaSirayeli ingabi sabuya ukubuya kum, ingabi sazenza iinqambi ngezikreqo zayo zonke; ukuze babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; itsho iNkosi uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa kunjalo abantu bakwaSirayeli baya kukuyeka ukuphambuka ezindleleni zam, bahlukane nokuzityikila ngezikreqo zabo. Baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo, itsho iNkosi uNdikhoyo.”