Ezekiel 14:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nyana woluntu! ilizwe nxa lonayo ngakum ngokwenza ngobumenemene kakulu, ndandule ndisolule isandla sam pezu kwalo, ndilapulele umsimelelo wesonka, nditume pakati kwalo indlala, ndinqamle kulo abantu nezilo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nyana womntu, xa ilizwe lithe lona kum lameneza ngobumenemene, ndasolula isandla sam phezu kwalo, ndawaphula kulo umsimelelo osisonka, ndathumela kulo indlala, ndanqumla kulo umntu nenkomo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
“Nyana womntu, ukuba ilizwe lithe lashiywa, ndosolula isandla sam phezu kwalo, ndiwaphule umsimelelo osisonka, ndilizisele indlala kulo, nditshabalalise abantu neenkomo kulo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mntundini, xa lithe ilizwe landona ngokungathembeki, ndaza ndalohlwaya ngokuvalela ukuba lingakufumani ukutya, ukuze abantu balo nezilwanyana zalo zife yindlala,