Ezekiel 14:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nakuba lamadoda matatu abepakati kwalo, ndihleli nje mna, itsho inkosi e nguyehova, ebengayi kuhlangula nonyana nentombi; wona odwa aya kuhlangulwa, kanti ilizwe loba bugxwayiba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi, ebengayi kuhlangula nanyana nantombi; ebeya kuhlanguleka odwa; ke bekuya kuba senkangala ezweni elo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nokuba ebekho la madoda mathathu, ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ebengayi kusindisa nyana nantombi; ngabo kuphela abaya kusindiswa, kodwa ilizwe libe senkangala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ngokwenene ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, nokuba la madoda mathathu ebenokuba kwelo zwe ebengenakubasindisa oonyana neentombi zawo. Bekuya kusinda wona kuphela, libe lona ilizwe lisebugxwayibeni.