Ezekiel 14:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti; Kwoba kangakananina ngakumbi ke nxa nditumayo imigwebo yam emibi yomine, iṙele, nendlala, namaṙamncwa, nesifo esibubisayo, pezu kwe‐Yerusaleme, kuze kunqanyulwe kuyo abantu nezilo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Kobeka phi na ke, xa ndithe ndathumela eYerusalem zozine izigwebo zam ezibi, ikrele, nendlala, namarhamncwa, nendyikitya yokufa, ukuze kunqumke kuyo umntu nenkomo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Kuya kuba njani na ukuba ndithumele izigwebo zam ezine ezibuhlungu eYerusalem, ezizezi, ikrele nendlala neendudumo nendyikitya yokufa ukuze kupheliswe kuyo umntu nesilwanyana?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kaloku itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: IJerusalem ndingayigweba ndiyithumele ngezibetho ezine, ezona zibi – imfazwe, nendlala, namarhamncwa, nobhubhani – ndibulale abemi bayo kunye nemfuyo yabo.